Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 16:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thumelani iimvana kumlawuli welizwe, zivela eSela, zibheke entlango, ziye entabeni yentombi uZiyon.

2. Kuba njengeentaka eziphekuziweyo, njengendlu yentaka esuselweyo, aya kuba njalo amagxamesi akwaMowabhi emazibukweni aseArnon, esithi,

3. Siphe iqhinga, yahlula; misa isithunzi sakho sibe njengobusuku emini enkulu; fihla abagxothiweyo, musa ukumncetheza obhadubhadulayo.

4. Mabaphambukele kuwe abagxothiweyo bam; ube lisithe kuye uMowabhi phambi kombhuqi; ngokuba umkhamangi ugqibele, umbhuqi uphelile, abanyashi batshatyalalisiwe ezweni.

5. Kuya kuzinziswa itrone ngenceba, kuhlale phezu kwayo onenyaniso, ententeni kaDavide: umgwebi okhathalele okusesikweni, okhawulezayo ukulungisa.

6. Silivile ikratshi likaMowabhi, ikratshi elikhulu. Hayi, ukukratsha kwakhe! Hayi, ikratshi lakhe nokuphuphuma komsindo wakhe, ukuphololoza kwakhe into engeyiyo!

7. Ngako oko uMowabhi uya kubhomboloza ngenxa kaMowabhi; bonke bephela baya kubhomboloza; niya kunkwinizela izicumba zeerasintyisi zaseKir-hareshete, nithe dakumba kanye.

8. Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 16