Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Nayo imisipres* ikuvuyele, imisedare* yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo.

9. Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga.

10. Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwé ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na?

11. Buhlisélwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubúngele amanundu.

12. Ùtheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!

13. Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.

14. Ndiya kunyuka ngaphezu kwezigánga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;

15. kanti ùya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.

16. Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?

17. eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; àyabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?

18. Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;

19. ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.

20. Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14