Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yabalawuli,

6. ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha okungenakupheza; ebizinyathela ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa.

7. Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.

8. Nayo imisipres* ikuvuyele, imisedare* yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo.

9. Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga.

10. Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwé ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na?

11. Buhlisélwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubúngele amanundu.

12. Ùtheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!

13. Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.

14. Ndiya kunyuka ngaphezu kwezigánga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14