27. Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa?
28. Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi:
29. Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo.
30. Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho.
31. Bhomboloza, sango! Khala, mzi! Yitha amandla, wena Filisti uphela, ngokuba entla kuphuma umsi; akukho wahlukayo ebuthweni lakhe.
32. Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozímela ngayo iintsizana zabantu bakhe.