Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:22-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova;

23. ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi.

24. Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo;

25. ukuba ndímaphule uAsiriya ezweni lam, ndimnyashe ngeenyawo ezintabeni zam, isuke kubo idyokhwe yakhe, usuke umthwalo wakhe esixhantini sabo.

26. Lilo elo icebo elicetyiweyo ngehlabathi lonke; siso eso isandla esolukileyo phezu kweentlanga zonke.

27. Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa?

28. Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi:

29. Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo.

30. Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho.

31. Bhomboloza, sango! Khala, mzi! Yitha amandla, wena Filisti uphela, ngokuba entla kuphuma umsi; akukho wahlukayo ebuthweni lakhe.

32. Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozímela ngayo iintsizana zabantu bakhe.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14