Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.

14. Ndiya kunyuka ngaphezu kwezigánga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;

15. kanti ùya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.

16. Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?

17. eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; àyabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?

18. Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;

19. ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14