12. Ùtheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!
13. Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.
14. Ndiya kunyuka ngaphezu kwezigánga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;
15. kanti ùya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.
16. Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?
17. eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; àyabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?
18. Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;