Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:11-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Buhlisélwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubúngele amanundu.

12. Ùtheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!

13. Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.

14. Ndiya kunyuka ngaphezu kwezigánga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;

15. kanti ùya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.

16. Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?

17. eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; àyabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?

18. Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;

19. ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.

20. Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi.

21. Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemízi,

22. Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova;

23. ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi.

24. Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14