Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 14:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, abuye awanyule amaSirayeli, awahlalise emhlabeni wakowawo, bathelele kuwo abasemzini, bahlomele endlwini kaYakobi.

2. Ziya kuwathabatha izizwe, ziwazise endaweni yawo; bazifuye zona abendlu kaSirayeli emhlabeni kaYehova, zibe ngamakhoboka namakhobokazana, babe ngabathimbi babathimbi babo, babe nobukhosi kubaqhubi babo.

3. Kuya kuthi, mini uYehova aniphumzayo ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu, nasekukhonzeni okunzima, enakhonziswa ngako,

4. nihlabe lo mzekeliso ngokumkani waseBhabheli, nithi, Útheni na ukupheza umqhubi! ukupheza umzi othisayo!

5. UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yabalawuli,

6. ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha okungenakupheza; ebizinyathela ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 14