Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 13:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu — nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke.

6. Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.

7. Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.

8. Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.

9. Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilènze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.

10. Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.

11. Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphèlise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;

12. ndiwènze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire.

13. Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe;

14. bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo.

15. Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlànza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 13