Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 13:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Nyusani ibhanile* phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene.

3. Mna ndibawísele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi.

4. Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zíhlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe.

5. Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu — nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke.

6. Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.

7. Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.

8. Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.

9. Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilènze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.

10. Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.

11. Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphèlise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 13