Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 13:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo.

15. Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlànza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele.

16. Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo.

17. Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide.

18. Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana.

19. IBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi, iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora.

20. Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 13