1. Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi.
2. Nyusani ibhanile* phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene.
3. Mna ndibawísele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi.
4. Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zíhlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe.