Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na?

10. Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingení; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari:

11. andiyi kuthi na, njengoko ndenza ngako kowakwaSamari nezithixo zawo ezingení, ndenjenjalo kwiYerusalem nezithixo zayo?

12. Kuya kuthi, xa ithe iNkosi yazifeza izenzo zayo zonke entabeni yaseZiyon naseYerusalem, ndizivelele iziqhamo zobukhulu bentliziyo yokumkani waseAsiriya, nokuqhayisa ngokuqwayinga kwamehlo akhe.

13. Kuba úthe, Ndenzé ngamandla esandla sam nangobulumko bam; ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni;

14. isandla sam sabufumana ubutyebi bezizwe njengendlu yentaka, ndalibutha mna lonke ihlabathi, njengokubutha amaqanda; akwabakho nanye ishukumisa iphiko, neyakhamayo, netswinayo.

15. Izembe lingámqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingázikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingábajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungámphakamisa ongenguwo umthi!

16. Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo.

17. Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.

18. Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10