Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa.

8. Kuba úthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na,

9. iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na?

10. Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingení; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari:

11. andiyi kuthi na, njengoko ndenza ngako kowakwaSamari nezithixo zawo ezingení, ndenjenjalo kwiYerusalem nezithixo zayo?

12. Kuya kuthi, xa ithe iNkosi yazifeza izenzo zayo zonke entabeni yaseZiyon naseYerusalem, ndizivelele iziqhamo zobukhulu bentliziyo yokumkani waseAsiriya, nokuqhayisa ngokuqwayinga kwamehlo akhe.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10