Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Musani ukumoyika uAsiriya, bantu bam bahleliyo eZiyon, akunibetha ngentonga, aniphakamisele uswazi lwakhe ngohlobo lwamaYiputa.

25. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinane, kuphele ukubhavuma kwam, nomsindo wam uye kumonakalisa;

26. ajiwule phezu kwakhe uYehova wemikhosi iziniya, njengoko wabetha amaMidiyan eweni likaOrebhe; intonga yakhe ibe phezu kolwandle, ayiphakamise ngohlobo lwamaYiputa.

27. Kuya kuthi ngaloo mini, usuke umthwalo wakhe esixhantini sakho, nedyokhwe yakhe entanyeni yakho, idyokhwe yonakale kukutyeba.

28. Úfikile eAyati, ucandé eMigron, uyibeke eMikimashe impahla yakhe.

29. Baqabéle enkalweni, bathi, Masilalise eGebha. Iyagubha iRama, isabile iGibheha yakwaSawule.

30. Khala ngezwi lakho, ntombi yaseGalim! Baza iindlebe, Layisha! Uha, Anatoti!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10