Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:15-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Izembe lingámqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingázikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingábajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungámphakamisa ongenguwo umthi!

16. Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo.

17. Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.

18. Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;

19. abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana.

20. Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10