Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:13-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kuba úthe, Ndenzé ngamandla esandla sam nangobulumko bam; ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni;

14. isandla sam sabufumana ubutyebi bezizwe njengendlu yentaka, ndalibutha mna lonke ihlabathi, njengokubutha amaqanda; akwabakho nanye ishukumisa iphiko, neyakhamayo, netswinayo.

15. Izembe lingámqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingázikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingábajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungámphakamisa ongenguwo umthi!

16. Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo.

17. Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.

18. Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;

19. abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana.

20. Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.

21. Amasalela aya kubuya, amasalela akwaYakobi, eze kuThixo oligorha.

22. Kuba nangona bathe baba ngangentlabathi yaselwandle abantu bakho, Sirayeli, kobuya amasalela odwa kubo; ukupheliswa kumisiwe kwagqitywa, kukhukula ubulungisa.

23. Ngokuba iNkosi uYehova wemikhosi iza kwenza phakathi kwehlabathi lonke impeliso, iyemisiweyo ke yagqitywa.

24. Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Musani ukumoyika uAsiriya, bantu bam bahleliyo eZiyon, akunibetha ngentonga, aniphakamisele uswazi lwakhe ngohlobo lwamaYiputa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10