Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 10:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yeha, abamisi bemimiselo yobutshinga, ababhali ababhala uxhamlo;

2. ukuze bazisunduze izisweli, zingafiki ematyaleni, bazihluthe ibango lazo iintsizana zabantu bam, ukuba abahlolokazi babe lixhoba labo, baphange iinkedama!

3. Niya kuthini na ke ngemini yovelelo, nasesithongeni esivela kude? Niya kusabela kubani na ukuba anincede, nilushiye phi na uzuko lwenu?

4. Akukho kumbi, sekukukuguqa phakathi kwabakhonkwixeyo, bawe phakathi kwababuleweyo. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, sisolukile isandla sakhe.

5. Yeha, uAsiriya, ntonga yomsindo wam; luswazi olusesandleni sabo ukubhavuma kwam!

6. Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato.

7. Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa.

8. Kuba úthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na,

9. iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na?

10. Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingení; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari:

funda isahluko epheleleyo Uisaya 10