Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 1:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi.

4. Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonákalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva.

5. Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe;

6. kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha; akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli.

7. Kusenkangala elizweni lenu, imizi yenu itshiswe ngomlilo, umhlaba wenu udliwa ngabasemzini phambi kwenu, uyinkangala njengokubhukuqwa kwabasemzini.

8. Iséle ke intombi enguZiyon, njengexhobongo esidiliyeni, njengephempe entsimini yemixoxozi, njengomzi ongqingiweyo.

9. Koko uYehova wemikhosi wasisalisela intwana esindileyo, singe saba njengeSodom, singe safana neGomora.

10. Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo kaThixo wethu, bantu baseGomora.

11. Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile.

12. Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam?

13. Nize ningàphindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala.

14. Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 1