Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 1:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa;

28. ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.

29. Ngokuba baya kudana yimiterebhinti* ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula;

30. kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi;

31. nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 1