Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 1:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ndosibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokufezekileyo njengegolide, likhutshwe igwebu lakho, ndisuse yonke intsila yakho.

26. Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci. Emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo.

27. IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa;

28. ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.

29. Ngokuba baya kudana yimiterebhinti* ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula;

30. kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi;

31. nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 1