Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 1:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe;

20. ukuba nithe ànavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile.

21. Yoo! Útheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi!

22. Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi.

23. Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo.

24. Ngako oko itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha! Ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam.

25. Ndosibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokufezekileyo njengegolide, likhutshwe igwebu lakho, ndisuse yonke intsila yakho.

26. Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci. Emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo.

27. IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa;

28. ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.

29. Ngokuba baya kudana yimiterebhinti* ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula;

30. kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 1