Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 1:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi.

16. Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; yekani ukwenza ububi;

17. fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi.

18. Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.

19. Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe;

20. ukuba nithe ànavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile.

21. Yoo! Útheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi!

22. Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi.

23. Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 1