Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 7:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ngokuba bayisondezé intlixiyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo.

7. Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo.

8. UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga.

9. Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena.

10. Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko àbabuyeli kuYehova uThixo wabo, àbamfuni kuko konke oku.

11. UEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, baya eAsiriya.

12. Ndothi, bakubon' ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo.

13. Yeha ke bona! kuba babalekile kum. Yimbubho kubo! kuba bakreqile kum. Mna ngendibakhulule, basuka bona bathetha amanga ngam.

14. Abakhalanga kum ngeentliziyo zabo, basuka bamana bebhomboloza ezililini zabo; baqukana ngenxa yengqolowa newayini entsha, baphambuka, bandichasa.

15. Mna ndiziqeqeshile, ndazomeleza, iingalo zabo; ke bona bacinga ububi ngam.

16. Bayabuya, kodwa ababuyeli phezulu; banjengesaphetha esityeketyeke. Baya kuwa likrele abathetheli babo, ngenxa yobhavumo lolwimi lwabo. Oko kukugculelwa kwabo ezweni laseYiputa.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 7