Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 7:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ekumphiliseni kwam uSirayeli, kusuke kutyhileke ubugwenxa bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; kuba besebenza ubuxoki, isela lingéne, amatutu abhunyule ngaphandle.

2. Àbatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ngoku zibangqongile iintlondi zabo, zabakho phambi kobuso bam.

3. Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngokuxoka kwabo.

4. Bonke bephela bangabakrexezi; banjengeziko lezonka elibaselwe ngumojizonka, okha ayeke ukukhwezela, lo gama axovula intlama, ide ifukuke.

5. Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; úthabathene nabagxeki.

6. Ngokuba bayisondezé intlixiyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo.

7. Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo.

8. UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga.

9. Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena.

10. Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko àbabuyeli kuYehova uThixo wabo, àbamfuni kuko konke oku.

11. UEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, baya eAsiriya.

12. Ndothi, bakubon' ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 7