Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 6:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa.

5. Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya.

6. Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo.

7. Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho.

8. IGiliyadi ngumzi wabasebenzi bobutshinga; uzele yimikhondo yegazi.

9. Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benzé amanyala.

10. Endlwini kaSirayeli ndiboné into ebanga amanwele; apho uEfrayim uyahenyuza, uSirayeli uzenza inqambi.

11. Kananjalo wena Yuda, umiselwe uvuno, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabantu bam.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 6