Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 4:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.

2. Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.

3. Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.

4. Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.

5. Wòkhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.

6. Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.

7. Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.

8. Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.

9. Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyìsele kuye iintlondi zakhe.

10. Bodla bangahluthi; bahenyuze bangàndi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.

11. Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 4