Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yithini kubazalwana benu, Wenani, bantu bam! níthi koodade benu, Wa, Menzelwa-mfesane!

2. Bambanani nonyoko, bambanani naye; kuba àkamfazi wam, àndindoda yakhe. Nize nitsho asuse ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe;

3. hleze ndimhlube abe zé, ndimmise enjengamini wazalwa, ndimenze abe njengentlango, ndimmise abe njengelizwe elingumqwebedu, ndimbulale ngenxano;

4. ndingàsikwa mfesane ngenxa yabantwana bakhe; kuba bengabantwana bobuhenyu bona.

5. Kuba unina uhenyuzile, wenzé okuziintloni umzali wabo; ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi* yam, ioli yam nento endiyiselayo.

6. Ngako oko, yabona, ndiya kuyibiyela indlela yakho ngameva, ndakhe udonga, angawufumani umendo wakhe.

7. Úya kuzisukela izithandane zakhe, angafiki kuzo; azifune, angazifumani; athi Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala, kuba bekulungile kum oko kunangoku.

8. Àkazi ukuba ndim owamnikayo ingqolowa, newayini entsha, neoli; ndamandisela isilivere negolide, abasuka bayenzela uBhahali.*

9. Ngako oko ndiya kubuya, ndiyithabathe ingqolowa yam ngexesha layo, newayini yam entsha ngexesha layo elimisiweyo; ndibuhluthe uboya beegusha, neflakisi yam yokugubungela ubuzé bakhe.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 2