Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 13:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bathi bakudliswa, bahlutha; bakuhlutha, yaphakama intliziyo yabo; ngenxa yoko bandilibele.

7. Ngoko ndaba njengengonyama kubo, ndabalalela njengengwe endleleni.

8. Ndothi gaga kubo njengebhere* ehluthwe amathole ayo, ndiwukrazùle umhlehlo wentliziyo yabo, ndibàdle khona njengengonyamakazi; amarhamncwa asendle aya kubadlavula.

9. Ùzonakalisile, Sirayeli, ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.

10. Úphi na ngoku ukumkani wakho, ukuba angakusindisi emizini yakho yonke? Baphi na ngokunje abagwebi bakho abo, wàthi, Ndínike ukumkani nabathetheli?

11. Ndikunika ookumkani ndínomsindo, ndibathabathe ngokuphuphuma kwawo.

12. Bubotshiwe ngengxowa ubugwenxa bukaEfrayim, sibekiwe isono sakhe.

13. Inimba yozalayo iyamzela; úngunyana ongenabulumko, kuba engaveli ngexesha elililo emlonyeni wesizalo.

14. Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Ziphi na iindyikitya zakho, kufa? Iphi na imbubhiso yakho, ngcwaba? Ukuzohlwaya kusithele emehlweni am.

15. Nokuba yena uya kuba neziqhamo phakathi kwabazalwana bakhe, kuya kuza ulophu lwasempumalanga, umoya kaYehova únyuka entlango, litshe ithende lakhe, wome umthombo wakhe; lowo uya kuphanga ubuncwane beempahla zonke ezinqwenelekayo.

16. ElakwaSamari liya kuziva linetyala, kuba liphikise uThixo walo. Baya kuwa likrele, iintsana zabo zicunyuzwe, nabamithiyo babo baqangqululwe.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 13