Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 11:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.

5. Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya.

6. Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo.

7. Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, àbaziphakamisi mpela.

8. Ndingàthini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli? Ndingàthini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye.

9. Andiyi kukwenza ukuvutha komsindo wam, andiyi kubuya ndimonakalise uEfrayim; ngokuba ndinguThixo, àndimntu; ndingoyiNgcwele phakathi kwakho; andizi ndishushu ngamsindo.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 11