Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 7:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Nantso imini! Nantso, ifikile! Uphuma umjojo, luphuma amathupha uswazi, kuyatyatyamba ukukhukhumala.

11. Ugonyamelo luphakame lwaba luswazi lokungendawo; akuyi kubakho namnye kubo osalayo, kungabikho nto kwingxokolo yabo, kungabikho nto kwintabalala yabo; kungabikho njuze isalayo kubo.

12. Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona.

13. Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongéngxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungàbikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.

14. Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizèle ingxokolo yabo yonke.

15. Ngekrele ngaphandle, ngendyikitya yokufa nangendlala ngaphakathi: osendle uya kufa likrele, ophakathi komzi adliwe yindlala nayindyikitya yokufa.

16. Ke abasindileyo kubo bosinda, babe sezintabeni njengamavukuthu asemifuleni, bedumzela bonke bephela, elowo edumzela ngobugwenxa bakhe.

17. Zonke izandla ziya kuwa, onke amadolo aye angabi namandla;

18. babhinqe ezirhwexayo, bagutyungelwe kukududuzela, ebusweni bonke ibe kukudana, iintloko zabo zonke zibe ziinkqayi.

19. Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangàwuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa.

20. Isivatho sabo esinobukhazikhazi básimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenzé yayinto engcolileyo kubo.

21. Ndiya kuyinikela esandleni sabasemzini ukuba iphangwe, nakwabangendawo behlabathi ibe lixhoba, bayihlambele;

22. ndibùsuse ubuso bam kubo, bayihlambele ingqwebo yam; bafike abatyhobozi, bayihlambele.

23. Yenza umxokelelwane, ngokuba ilizwe liliphalaza igazi elimsulwa, nomzi uzele lugonyamelo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 7