Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 48:2-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngasemdeni ke kaDan, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uAshere, libe linye.

3. Ngasemdeni ke ka-Ashere, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uNafetali, libe linye.

4. Ngasemdeni kaNafetali, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uManase, libe linye.

5. Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye.

6. Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye.

7. Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.

8. Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma; ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo* ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga; ingcwele isesazulwini sawo.

9. Umrhumo eniya kuwurhumela uYehova woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamawaka alishumi ububanzi.

10. Woba ngowaba umrhumo ongcwele: ngowababingeleli; ngasentla ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ngasentshonalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasempumalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasezantsi ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude; ingcwele kaYehova yoba sesazulwini sawo.

11. Ababingeleli abangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sam, abangandwendwanga ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, njengoko bandwendwáyo abaLevi,

12. woba ngowabo umrhumo emrhumeni welizwe; uyingcwele kangcwele ngasemdeni wabakaLevi.

13. Ke abaLevi bozuza isahlulo esinxulumene nomda wababingeleli, sibe ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, sibe lishumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka, nobubanzi bube lishumi lamawaka.

14. Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ngayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.

15. Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, àkangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle.

16. Umzi woba sesazulwini sawo. Yiyo le imilinganiso: icala langasentla loba ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala langasezantsi libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasempumalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasentshonalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 48