Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 44:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Mabangayi emntwini ofileyo, bazenze iinqambi; kungába kungoyise, nonina, nonyana, nentombi yabo, nomzalwana, nodade wabo ongabanga nandoda, abangázenza iinqambi ngabo, bona bodwa.

26. Bombalela imihla esixhenxe emva kokuhlanjululwa kwakhe.

27. Ngomhla ke wokungena kwakhe engcweleni, entendelezweni ephakathi, ukuze alungiselele engcweleni, wosondeza idini lakhe lesono; itsho iNkosi uYehova.

28. Oko koba lilifa labo, ibe ndim ilifa labo; ningabaniki nzuzo kwaSirayeli; ndim inzuzo yabo.

29. Umnikelo wokudla, nedini lesono, nedini letyala, bodla ezo zinto bona; zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli ziya kuba zezabo.

30. Iingqalo zeentlahlela zonke ezintweni zonke, nemirhumo yonke yeento zonke, kwimirhumo yenu yonke, yoba yeyababingeleli; nengqalo yomgrayo wenu noyinika umbingeleli, ukuze ahlise intsikelelo phezu kwendlu yakho.

31. Ababingeleli abayi kudla nto izifeleyo neqwengiweyo, nokuba kusezintakeni, nokuba kusezinkomeni.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 44