Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 44:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ke bona ababingeleli abaLevi, oonyana bakaTsadoki, abasigcináyo isigxina sengcwele yam, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli kum, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme phambi kwam, ukuba basondeze kum inqatha negazi; itsho iNkosi uYehova.

16. Bongena bona engcweleni yam, basondele bona esithebeni sam, ukuba bandilungiselele, bagcine isigxina sam.

17. Kothi, ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bambathe iingubo zelinen; kungabikho nto yoboya kubo ekulungiseleleni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, naxa bakuyo indlu.

18. Zoba ziinkontsho zelinen ezintlokweni zabo, ibe ziibhulukhwe zelinen ezinqeni zabo; abayi kubhinqa, bazibilise.

19. Bothi, ekuphumeni kwabo, besinga entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle besiya ebantwini, bazihlube iingubo zabo ababelungiselela benazo, bezibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi, bangàbangcwalisi abantu ngeengubo zabo.

20. Mabangazichebi iintloko, bangaziyeki iinwele zabo zibe ngamayakayaka; bozinquthula iintloko.

21. Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.

22. Umhlolokazi nomfazi owaliweyo mabangabazeki babe ngabafazi babo; bozeka iintombi eziziintombi kwimbewu yendlu kaSirayeli, kwanomhlolokazi othe waba ngumhlolokazi wombingeleli.

23. Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazíse okuyinqambi nokuhlambulukileyo.

24. Ekubambaneni kwabantu mabeme bona, bagwebe ngokwamasiko am, bagcine imiyalelo yam nemimiselo yam ngamaxesha am onke amisiweyo, bazingcwalise iisabatha zam.

25. Mabangayi emntwini ofileyo, bazenze iinqambi; kungába kungoyise, nonina, nonyana, nentombi yabo, nomzalwana, nodade wabo ongabanga nandoda, abangázenza iinqambi ngabo, bona bodwa.

26. Bombalela imihla esixhenxe emva kokuhlanjululwa kwakhe.

27. Ngomhla ke wokungena kwakhe engcweleni, entendelezweni ephakathi, ukuze alungiselele engcweleni, wosondeza idini lakhe lesono; itsho iNkosi uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 44