Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 42:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu.

8. Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu.

9. Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle.

10. Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi.

11. Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo.

12. Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo.

13. Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelàyo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele.

14. Bakùngena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.

15. Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheké empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke.

16. Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa;* yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.

17. Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.

18. Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngencongolo yokulinganisa.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 42