Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 40:39-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.

40. Ecaleni elingaphandle, konyukayo esiya ekungeneni kwesango ngasentla, bekukho iitafile ezimbini; nakwelinye icala ngasevarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini.

41. Kwabakho iitafile eziné ngapha, iitafile eziné nangapha, ecaleni lesango; ziitafile ezisibhozo, zokuxhelela kuzo.

42. Kananjalo bekukho neetafile eziné ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo.

43. Amabhaxa angangobubanzi besandla, abe eqiniselwe endlwini, ajikeleza ngeenxa zonke; yaye isezitafileni inyama yomsondezo.

44. Ngaphandle kwesango eliphakathi bekukho amagumbi amabini entendelezweni ephakathi; elinye lingasecaleni lesango lasentla, libheké ezantsi, elinye lingasecaleni lesango lasezantsi, libheké entla.

45. Wathi kum, Eli gumbi, libheké ezantsi, lelababingeleli abagcina isigxina sendlu le.

46. Igumbi elibheké entla lelababingeleli abagcina isigcina sesibingelelo. Bona bangoonyana bakaTsadoki, koonyana bakaLevi, abasondelàyo kuYehova ukuba balungiselele kuye.

47. Wayilinganisa intendelezo; zaba ziikubhite ezilikhulu ubude, zaba ziikubhite ezilikhulu nobubanzi; imbombo-né; isibingelelo ke besiphambi kwayo indlu.

48. Wandisa evarandeni yayo indlu, walinganisa intsika yevaranda: iikubhite zontlanu ngapha, iikubhite zontlanu ngapha; ububanzi besango baziikubhite ezintathu ngapha, iikubhite ezintathu nangapha.

49. Ubude bevaranda baba ziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baba ziikubhite ezilishumi elinanye ngasezinyukweni, ebe kunyukwa ngazo kuyiwe kuyo. Bekukho iintsika ngasezintsikeni zomnyango, enye ngapha, enye nangapha.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 40