Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 38:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. unyùke ubafikele bantu bam amaSirayeli njengelifu, ukuba ulisibekele ilizwe. Ekupheleni kwemihla kuya kubakho oko, ndikuse, ulifikele ilizwe lam, ukuze iintlanga zindazi, ekuzingcwaliseni kwam kuwe emehlweni azo, Gogi.

17. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwe na lowa, ndandithetha yena ngeemini zamandulo ngomlomo wabakhonzi bam, abaprofeti bakwaSirayeli, ababeprofeta iminyaka kwezo mini ngelithi, ndokuzisa phezu kwabo?

18. Kuya kuthi ngaloo mini, ngemini yokuwufikela kukaGogi umhlaba wakwaSirayeli, itsho iNkosi uYehova, bunyuke ubushushu bam emathatheni am.

19. Ke ndithethé ndínobukhwele, ndínomlilo wokuphuphuma komsindo wam. Inyaniso, ngaloo mini kuya kubakho ukunyikima okukhulu emhlabeni wakwaSirayeli.

20. Ziya kunyikima phambi kwam iintlanzi zolwandle, neentaka zezulu, namarhamncwa asendle, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nabantu bonke abasebusweni bomhlaba, zigungxulwe iintaba, iwe imixawuka, zonke iindonga ziwe emhlabeni.

21. Ndombizela ikrele ezintabeni zam zonke, itsho iNkosi uYehova; ikrele lomntu liya kuma kumzalwana wakhe.

22. Ndiya kumgweba ngendyikitya yokufa nangegazi; nangesiphango esikhukulayo, nangamatye esichotho, umlilo nesulfure ndiwunise phezu kwakhe, naphezu kwamahlelo akhe, naphezu kwezizwe ezininzi ezinaye.

23. Ndiya kuzikhulisa, ndizingcwalise, ndizazise ngokwam emehlweni eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 38