Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 38:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, bubhekise ubuso bakho kuGogi wasezweni lakwaMagogi, isikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali, uprofete ngaye.

3. Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Gogi, sikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali.

4. Ndiya kukuphambanisa, ndikufake amakhonkco emihlathini, ndikurhole nempi yakho yonke, amahashe nabamahashe, abaxhobe baphelelisela bonke bephela, ibandla elikhulu, benamakhaka neengweletshetshe, bephethe amakrele bonke bephela:

5. benamaPersi namaKushi namaPuti, onke ephela eneengweletshetshe nezigcina-ntloko; uGomere namahlelo akhe onke,

6. nendlu kaTogarma ezingontsini zasentla, inamahlelo akhe onke; izizwe ezininzi zinawe.

7. Lunga, uzilungisele iinto zonke, wena nebandla lakho lonke, elibizelwe ndawonye kuwe, ube ngumgcini walo.

8. Emva kwemihla emininzi ùya kuvelelwa; ekupheleni kweminyaka leyo uya kufika elizweni elibuyisiweyo ekreleni, libuthiwe ezizweni ezininzi; ufike ezintabeni zakwaSirayeli ezahlala zibharhile. Lona likhutshwé ezizweni, baza bahlala bekholosile bonke bephela.

9. Ùya kunyuka uze njengesiphango, njengelifu ukulisibekela ilizwe, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezininzi ezinawe.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 38