Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 30:6-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa abaxhasi beYiputa, lihle iqhayiya lamandla ayo. Baya kuthabathela iMigidoli, base eSevene, besiwa likrele kuyo; itsho iNkosi uYehova.

7. KwelamaYiputa koba senkangala phakathi kwamazwe abharhileyo, nemizi yalo ibe phakathi kwemizi engamanxuwa;

8. bàzi ukuba ndinguYehova, ekufakeni kwam umlilo eYiputa, baphuke bonke abancedi balo.

9. Ngayo loo mini kuya kuphuma kum abathunywa ngeenqanawa, ukuze bothuse amaKushi akholosileyo, azibhijabhije ngokwawo njengasemini yeYiputa; ngokuba, uyabona, iyeza le nto.

10. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuyiphelisa ingxokolo yeYiputa ngesandla sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli.

11. Yena enabantu bakhe, abangcangcazelisi basezintlangeni, baya kuziswa ukuba balitshabalalise ilizwe, bayirholele amakrele abo iYiputa, balizalise ilizwe ngababuleweyo.

12. Ndoyomisa imijelo yoMnayile, ndithengise ngelizwe ezandleni zabanobubi, ndilenze kube senkangala ilizwe nenzaliseko yalo, ngezandla zabasemzini; mna Yehova ndithethile.

13. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuzidakisa izigodo, ndiziphelise izithixo ezingento eNofu, kungabi sabakho sikhulu sasezweni laseYiputa, ndingenise ukoyika ezweni laseYiputa.

14. Ndiya kuyenza kube senkangala iPatrosi, ndifake umlilo eTsohan, ndenze izigwebo kwiNo;

15. ndobuthulula ubushushu bam phezu kweSin, inqaba yaseYiputa; ndiyinqumle ingxokolo yaseNo;

16. ndifake umlilo eYiputa. ISin iya kuzibhijabhija izibhijabhije, neNo inqikwe, neNofu ibe nababandezeli emini.

17. Amadodana aseAven nasePibhesete aya kuwa likrele, yona ke loo mizi ithinjwe.

18. ETapanesi iya kuba mnyama imini, ekuzaphuleni kwam khona iidyokhwe zaseYiputa, liphele kuyo iqhayiya lamandla ayo. Amafu aya kuyisibekela, namagxamesi ayo athinjwe;

19. ndenzè izigwebo eYiputa; bazi ukuba ndinguYehova.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 30