Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 30:14-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ndiya kuyenza kube senkangala iPatrosi, ndifake umlilo eTsohan, ndenze izigwebo kwiNo;

15. ndobuthulula ubushushu bam phezu kweSin, inqaba yaseYiputa; ndiyinqumle ingxokolo yaseNo;

16. ndifake umlilo eYiputa. ISin iya kuzibhijabhija izibhijabhije, neNo inqikwe, neNofu ibe nababandezeli emini.

17. Amadodana aseAven nasePibhesete aya kuwa likrele, yona ke loo mizi ithinjwe.

18. ETapanesi iya kuba mnyama imini, ekuzaphuleni kwam khona iidyokhwe zaseYiputa, liphele kuyo iqhayiya lamandla ayo. Amafu aya kuyisibekela, namagxamesi ayo athinjwe;

19. ndenzè izigwebo eYiputa; bazi ukuba ndinguYehova.

20. Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yokuqala, ngolwesixhenxe enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

21. Nyana womntu, ingalo kaFaro ukumkani waseYiputa ndiyaphúle; uyabona, ayiyi kubotshwa ukuba ifakwe umhlabelo, ukuba ibotshwe ngezithandelo, ukuba yomelele, ukuba iphathe ikrele.

22. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndimchasile uFaro ukumkani waseYiputa. Ndiya kuzaphula iingalo zakhe, eyomeleleyo kwaneyaphukileyo, ndilivuthulule ikrele esandleni sakhe.

23. Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni;

24. ndiya kuzomeleza ke iingalo zokumkani waseBhabheli, ndibeke ikrele lam esandleni sakhe, ndizaphule iingalo zikaFaro, ancwine phambi kwakhe ngoncwino longxwelerhiweyo.

25. Ndiya kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ziwe iingalo zikaFaro; bazi ukuba ndinguYehova, ekulibekeni kwam ikrele esandleni sokumkani waseBhabheli, alolulele phezu kwelizwe laseYiputa.

26. Ndowaphangalalisela amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni; bazi ukuba ndinguYehova.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 30