Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 3:18-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Xa ndithi kongendawo, Inene, ùya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wófa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.

19. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wófa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

20. Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungàkhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.

21. Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, àlona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

22. Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, Suk' ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.

23. Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini; nanko ke, kumi khona ubuqaqawuli bukaYehova obunjengobuqaqawuli obuyá ndabubonáyo ngasemlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.

24. Kwafika uMoya kum, wandimisa ngeenyawo zam, wathetha nam, wathi, Yiya uzivalele endlwini yakho.

25. Wena ke, nyana womntu, yabona, baya kukufaka izintya, bakubophe ngazo, ukuze ungaphumi uye phakathi kwabo.

26. Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho ekhuhlangubeni lakho, ube sisidenge, ungabi yindoda eyohlwayayo kubo; ngokuba bayindlu eneenkani.

27. Ndakùthetha nawe, ndowuvula umlomo wakho, uthi ke kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ovayo makeve, owalayo makale; ngokuba bayindlu eneenkani.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 3