Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 29:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Bakùbambelela kuwe ngamahlamvu akho, ùsuka uvikiveke, ukrazule lonke igxalaba labo; ùthi bakusimelela ngawe, waphuke, ugxadazelise zonke izinqe zabo.

8. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuzisela ikrele, ndinqumle kuwe umntu nenkomo;

9. ilizwe laseYiputa kube senkangala, libharhe; bazi ukuba ndinguYehova, ngenxa enokuba usithi, Umlambo ngowam, ndizenzele mna.

10. Ngako oko uyabona, ndikuchasile nemijelo yakho; ndiya kulibharhisa ilizwe laseYiputa libharhe, kube senkangala, lithabathele eMigidoli, lise eSevene, lise emdeni wakwaKushi.

11. Akuyi kucanda lunyawo lwamntu kulo, akuyi kucanda nqina lankomo kulo, lingemiwa, iminyaka engamashumi amané.

12. Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, ibe ngamanxuwa imizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa, iminyaka engamashumi amané; ndiwaphangalàlisele amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.

13. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amané, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;

14. ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.

15. Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwancìphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.

16. Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; ázi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

17. Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe, ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, Nyana womntu,

18. uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, impi yakhe úyisebenzise umsebenzi omkhulu eTire. Zonke iintloko zikhuthukile, onke amagxalaba atyabukile; ukanti akabanga namvuzo ke, yena nempi yakhe, eTire, ngenxa yomsebenzi awusebenzileyo kuyo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 29