Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 29:15-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwancìphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.

16. Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; ázi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

17. Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe, ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, Nyana womntu,

18. uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, impi yakhe úyisebenzise umsebenzi omkhulu eTire. Zonke iintloko zikhuthukile, onke amagxalaba atyabukile; ukanti akabanga namvuzo ke, yena nempi yakhe, eTire, ngenxa yomsebenzi awusebenzileyo kuyo.

19. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ndimnika ilizwe laseYiputa, ukuba athuthe intabalala yalo, athimbe intimbo yalo, aphange ixhoba lalo, ezo zinto zibe ngumvuzo wempi yakhe.

20. Umvuzo wakhe awusebenzeleyo ndimnika ilizwe laseYiputa, ngokuba baye besebenzele mna; itsho iNkosi uYehova.

21. Ngayo loo mini ndiya kuyihlumisela uphondo indlu kaSirayeli, ndikunike ukuvulwa komlomo phakathi kwabo; bázi ukuba ndinguYehova.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 29