Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 29:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka weshumi, ngenyanga yeshumi, ngolweshumi elinesibini enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi,

2. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa, uprofete ngaye, nangeYiputa yonke iphela.

3. Thetha uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Faro kumkani waseYiputa, ngwenya inkulu ibuthumileyo emijelweni yayo yoMnayile, itsho ukuthi, Ngowam umlambo, ndizenzele mna.

4. Ndiya kufaka amakhonkco emihlathini yakho, ndizinamathisele emaxolweni akho iintlanzi zemijelo yakho, ndikurhole emijelweni yakho, neentlanzi zonke zemijelo yakho, ezinamathele emaxolweni akho.

5. Ndiya kukulahlela entlango, wena neentlanzi zonke zemijelo yakho. Ùya kuwa endle, akuyi kuhlanganiswa ubuthwe; ndikunìkele ukuba ube kukudla kwamarhamncwa elizwe nokweentaka zezulu.

6. Baya kwazi bonke abemi baseYiputa ukuba ndinguYehova. Ngokokuba ibe ingumsimelelo wengcongolo kwindlu kaSirayeli.

7. Bakùbambelela kuwe ngamahlamvu akho, ùsuka uvikiveke, ukrazule lonke igxalaba labo; ùthi bakusimelela ngawe, waphuke, ugxadazelise zonke izinqe zabo.

8. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuzisela ikrele, ndinqumle kuwe umntu nenkomo;

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 29