Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 26:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, ngenxa enokuba iTire isithi ngeYerusalem, Tshotsho! lwaphukile ucango lwezizwe; luvulekele kum; ndiya kuchuma mna, ibe linxuwa yona!

3. ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Tire. Ndiya kukunyusela iintlanga ezininzi, njengokuba ulwandle lunyusa amaza alo;

4. ziziqhuqhe iindonga zaseTire, zizigungxule iinqaba zakho ezinde. Ndolutshayela uthuli lwayo kuyo, ndiyenze ibe yingxondorha ebalelelwe lilanga.

5. Iya kuba yindawo yokwanekela iminatha phakathi kolwandle; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova; ibe lixhoba leentlanga.

6. Namagxamesi ayo asemaphandleni aya kubulawa ngekrele; bazi ukuba ndinguYehova.

7. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiya kuyizisela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe neenqwelo zokulwa, nabakhweli, nesikhungu sabantu, nabantu abaninzi.

8. Amagxamesi akho asemaphandleni úya kuwabulala ngekrele, akumisele inqaba yokubonisela, afumbe kuwe udonga lokungqinga, akumisele ikhusi lamakhaka;

9. abhekise ezindongeni zakho iimpahla zakhe zokutyhomfa, azidilize iinqaba zakho ezinde ngeentsimbi zakhe.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 26