Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 16:55-63 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

55. Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.

56. ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho;

57. zingekatyhilwa izinto zakho ezimbi, njengasexesheni lesingcikivo samagxamesi akwa-Aram* nesangeenxa zonke kuye, samagxamesi amaFilisti, awakucukulayo ngeenxa zonke.

58. Amanyala akho namasikizi akho uwathwele; utsho uYehova.

59. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndènza ke kuwe njengoko wenzé ngako wena, osidelileyo isifungo, ukuba uwaphule umnqophiso.

60. Ndiya kuwukhumbula mna umnqophiso wam nawe ngemihla yobuncinane bakho, ndikumìsele umnqophiso ongunaphakade.

61. Wòzikhumbula iindlela zakho, udane ekubamkeleni kwakho oodade benu, abakhulu kunawe kunye nabancinane kunawe; ndikunike babe ziintombi kuwe, noko bengengabomnqophiso wakho.

62. Ndowumisa mna umnqophiso wam nawe, wazi ukuba ndinguYehova;

63. ukuze ukhumbule, udane, ungabi saba nakuvula mlomo ngenxa yehlazo lakho, ekukuxoleleni kwam zonke izinto ozenzileyo; itsho iNkosi uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 16