Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 16:24-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. wazakhela amanqugwala, wazenzela iindawo eziphakamileyo ezitratweni zonke.

25. Emantloko eendlela zonke wazakhela iindawo zakho eziphakamileyo, wabenza ubuhle bakho balisikizi, wayithi qheke imilenze yakho kubo bonke abadlula ngendlela, wabandisa ubuhenyu bakho.

26. Wahenyuza noonyana bamaYiputa, abamelwane bakho abakhulu ngenyama; wabandisa ke ubuhenyu bakho ukuze undiqumbise.

27. Yabona, ndasolula phezu kwakho isandla sam, ndawunciphisa umamkeliso owumiselweyo, ndakunikela elitheni labakuthiyayo, kweleentombi zamaFilisti, ezibe ziyidanele indlela yakho yamanyala.

28. Wahenyuza noonyana baseAsiriya, ngenxa yokuba unganelanga; wahenyuza ke nabo, akwanela noko.

29. Wabandisela ezweni lamaKanan ubuhenyu bakho kwelamaKaledi, akwanela nayiloo nto.

30. Hayi, ukuthamba kwentliziyo yakho! itsho iNkosi uYehova; ukuba wénze zonke ezo zinto, imisebenzi yenkazana ehenyuzayo, esileyo.

31. Ekwakheni kwakho amanqugwala emantloko eendlela zonke, nasekwenzeni kwakho iindawo zakho eziphakamileyo ezitratweni zonke, akubanga njengehenyukazi eli, ngokusuka uwucukuceze umvuzo wobuhenyu.

32. Umfazi okrexezayo wamkela abasemzini, noko angumkamntu.

33. Onke amahenyukazi bawanika izipho; ke wena wazinika zonke izithandane zakho izipho zakho, wazicenga ukuze zize kuwe ngeenxa zonke ekuhenyuzeni kwakho.

34. Wena okwakho ukuhenyuza kuthe kwaphambana nokwamankazana, ngokuthi ingabi nguwe olandelwayo ekuhenyuzeni; ngokuthi urhole wena umvuzo wobuhenyu, ungàrholelwa umvuzo wobuhenyu; waba ngophambileyo ke.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 16