Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 11:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandifunqula uMoya, wandisa esangweni lendlu kaYehova langasempumalanga, elibheke empumalanga; nanko, ekungeneni kwesango, kukho amadoda engamashumi amabini anamahlanu. Ndabona phakathi kwawo uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, abathetheli babantu.

2. Wathi kum, Nyana womntu, ngawo la amadoda acinga inkohlakalo, aceba amacebo amabi kulo mzi;

3. atshoyo ukuthi, Alikasondeli ixesha lokwakha izindlu; lo mzi yimbiza, thina ke siyinyama.

4. Ngako oko profetela kuwo, profeta, nyana womntu.

5. Wandiwela ke uMoya kaYehova, wathi kum, Yithi, Utsho uYehova ukuthi, Nitshilo nina, ndlu kaSirayeli; nezinto ezithe qatha emoyeni wenu ndiyazazi mna.

6. Ndibandisile ababuleweyo benu kulo mzi, nazizalisa izitrato zawo ngababuleweyo.

7. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ababuleweyo benu, ebe nibabeka phantsi phakathi kwawo umzi, bayinyama, wona ke uyimbiza; nina niya kukhutshwa phakathi kwawo.

8. Niyaloyika ikrele; ndiya kunizisela ikrele, itsho iNkosi;

9. ndínikhuphe phakathi kwawo, ndininikele esandleni sabasemzini, ndizenze izigwebo kuni.

10. Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndinguYehova.

11. Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 11