Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhagayi 2:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngubani na kuni apha oseleyo, owayibonayo le ndlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala? Niyibona iyintoni na ke ngoku? Àyinjengento engento na emehlweni enu?

4. Noko ke ngoku yomelela, Zerubhabheli, utsho uYehova; womelelé, Yoshuwa nyana kaYotsadaki, mbingeleli mkhulu; nomelele, nonke bantu belizwe, utsho uYehova, nisebenze; ngokuba ndináni, utsho uYehova wemikhosi.

5. Ilizwi elo, ndànqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika.

6. Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, Kusaya kuba kanye, umzuzwana ke, ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo;

7. ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi.

8. Isilivere yeyam, igolide yeyam; utsho uYehova wemikhosi.

9. Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala, utsho uYehova wemikhosi; kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo; utsho uYehova wemikhosi.

10. Ngosuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yesithoba, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,

11. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khawubuze umyalelo kubabingeleli, uthi,

12. Yabonani, umntu ephethe inyama engcwele ngesondo lengubo yakhe, afike ngesondo lakhe esonkeni, nasentweni ephekiweyo, nasewayinini, naseolini, nasentweni nokuba yiyiphi edliwayo, yongcwaliseka na? Baphendula ababingeleli bathi, Hayi.

13. Wathi ke uHagayi, Ukuba úthe wafika oyinqambi ngenxa yomfi, kwezo zinto zonke, zoba ziinqambi na? Baphendula ababingeleli bathi, Zoba ziinqambi.

14. Waphendula uHagayi wathi, Banjalo ke aba bantu, lunjalo ke olu hlanga ebusweni bam; utsho uYehova; unjalo ke wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abayisondezayo khona apho iyinqambi.

15. Kaloku ke khanigqale, nithabathele kule mini, nibhekise emva, kungekabekwa litye lityeni etempileni kaYehova;

funda isahluko epheleleyo Uhagayi 2